


















































Ubomi obutsha bukaRebecca bukude lee kobo wayebuphila esokola kwiminyaka yobutsha bakhe. Emva kokuthabatha umculo njengomsebenzi omenze wasenkcochoyini, ngoku uhlala kumzi omhle eBucchleuch eSandton kwaye uceba ukutshata kungekudala.
UBONGANi
HLATSHWAYO uthethe naye emzini wakhe omtsha. Kufote
UTHEMBA NKOSI
Ukuzigcina ephilile yenye yezinto azfthandayo uRebecca emzini wakhe omtsha.




bakhe.
Uchaze wathi: Abazali bam bohlukana ndisemncinane Ngenxa yoko sasingazi ukuba siza kuhlala nabani na nokuthi siza kuhlala phi. Eneneni babesoloko bexambulisana abazali bethu ingulowo nalowo efuna sihlale naye.
Eso sesinye sezizathu ezabangela ukuba ndingaqali ngexesha elifaneleyo esikolweni u-A ndamfunda





URebecca Malope Uza kutshata kungekudala




ndineminyaka esibhozo ubudala, utshilo.
Ndikhumbula ngezoo mini ndandingenazo neencwadi ezaneleyo, ndandiwubhala kwincwadi enye wonke umsebenzi wesikolo. Ekugqibeleni ndasiyeka isikolo kuba kwakunzima ukuqhubeka imali ingekho.
Kwanyanzeleka ukuba ayofuna umsebenzi uRebecca. Wafumana umsebenzi kwifama yecuba kaFamba Famba eseAltmaar, eNelspruit. Wayevuna icuba apho nomza wakhe.
Ndasebenza phantse unyaka apho. Ndandihlala enkomponini, ndifumana intwana yemielie-meal, iimbotyi, ityuwa, iswekile kunye ne-R10,50. Ndandisabela nosapho lwam olwalusemva ekhaya ezo zinto.
Ndahamba emveni kokuba uFamba Famba eyithengisele omnye umntu ifama nowayesitsha kanobomi. Sasivuka ngentsimbi yesithathu ekuseni sisebenze de kube yintsimbi yesixhenxe ngorhatya.
Umqeshi wethu wangaphambili wayelungile kwaye engenangxaki ngexesha, ingakumbi ebusika, ukhumbulile uRebecca.
Waqala ukucula ukuyishiya kwakhe l00 fama ngo-1985, wayila iqela lombhaqanga eLekazi ekunye nabahlobo bakhe nodadewabo, uCynthia.
URebecca wayokuhlala eErmelo nalapho wazibandakanya neqela likaDan Gandaganda Nkosi. Emva koko babona ukuba mabaye eJohannesburg bayofuna amadlelo aluhlaza emculweni.
Babeli-11 bebonke - abafana abasibhozo kunye namantombazana amathathu. Abanye abazange bamelane nokuhlala kwindlu enamagumbi amabini eEvaton, kunxantathu weligwa. Basala besixhenxe apho.
URebecca uthe: lnto eyayindenza ndizimisefe kukuba ndandisazi ukuba akukho nto ndinokuyibuyela emva ekhaya. Lwalungavisisani usapho lwam. YiIoo nto eyandenza ndazimisela kangangoko ndinako.
Sasikhuthazana sodwa njengeqela. Inye into esasiyicinga, yayikukuba siya kuze siphumelele nokuba senze njani na - kwabanjalo ngenene!
Ngo-1985 bangenela ukhuphiswano lweSheIl Road To Fame Talent Search, apho uSizwe Zako wayeyijaji khona. Abazange baphumelele kodwa uRebecca wachwethelwa bucala ngusizwe Zako owaqaphela isiphiwo sakhe.
Waqeqeshwa nguJabu Sibumbe weStimela de watyikitya isivumelwano noSizwe Zako. Kwandinceda gqitha ukudibana noSizwe Zako. Ukuba wayengomnye umntu ngewayendisebenzisa kuphela aze adlulele kwabanye, utshilo uRebecca.
Uthe akuba ngundaba-mlonyeni ngo-1987 emva kokuba ephumelele iR12 000 - uRebecca wafuna umama wakhe.
Ndamfumana ehlala etyotyombeni eWitbank. Ndamthatha ndamthembisa ngokumthengela indlu. Ndadiphoza umzi eSpruitview ngemali endayifumana ngecwecwe lam lokuqala elalisithiCheated, ndahlala apho kunye naye, utshilo uAebecca.
Ngelo xesha uRebecca
Kungekudala
wayenemali yokubuphucula ubomi bakhe. Wafunda eDamefin College naselnterma Social - apho wayesenza izifundo ezixabisayo kwiEnglish Communication.
Wayishiyeta umama wakhe loo ndlu eSpruitview wazithengela le ahfala kuyo eBucchluech.
Ndifuna ukubona ukuba ndingakwazi ukuziphatha na kulo mzi wam mtsha. Lifikile ixesha lokuba umntu ayeke ukuhlafa yedwa -atshate, uphawulile.
Ngaphandle kobutyebi endinabo andisokuze ndizenze ongayiwayo nanjengoko ndisayikhumbufa indima yam eluntwini njengomntu obhinqileyo. Sendiphandliwe kwaye ndicinga ukuba uLawrence Phakathi undifanele.
Andimthandi umntu othandana noRebecca oyimvumi. Ndifuna athande ubuqu bam, ugxininisile.
Uchazile ukuba ukholo lwakhe luluqilima. Ndiphumelele ngenxa yentando kaThixo kwiinzima endibe nazo ebomini bam. Ukuba bekungeyontando YAKHE ngendingeyiyo into endiyiyo. Ndisamkhonza ngomoya nangentliziyo yam iphela.
Ndililungu elizeleyo lecongregational Church eOrlando East. Ndiphembelela ukushicilela kwekwayala yethu yolutsha. Ndikwancedisa ekuzameni ukuba ikwayafa yecawe ishicilele umculo wayo. Ndiyancedisa nasekwenzeni icawa yethu ibe yindawo efanelekileyo yokunqula uThixo, utshilo uRebecca.
l	Kuba emfutshane kunzima
ukukhupha izinto ekhabhathmi, ngoko kufuneka akhwe!e phezu kwento ukuze azikhuphe.
Ubomi bukaRebecca butshintshe kakhulu kule minyaka idlulileyo...
Kungokunje unegunjana Iokwenza umthambo - apho anoomatshini iProetus neHealthmaster bokuthambisa izihlunu zemilenze, amankonyana, umqolo nesisu. Ukwaziqeqesha eHoliday lnn Garden Court eSmall Street, eJohannesburg noVuyo Mokoena acula naye.
Unabalungisi zinwele abangabakhe eAlexs Hair Salon eBree Street, ejohannesburg kanti ukwanomthungi wakhe wempahla, uSonwabile Ndamase, onguMongameli weSouth African Fashion Designers Association (SAFDA).
Kungekudala uRebecca uza kuba neshishini elilelakhe - mhlawumbi isikhululo sepetroli okanye iiflethi. (Umanejala webhanki yakhe usaqhuba uthethathethwano egameni lakhe.)
Kungekudafa uza kutshata noLawrence Phakathi osele emngejife. Lilonke hlab ukhangele...!




UNosimo Balindlela -
UMPHATHISWA ONGUMFUNDI
UNosimo kunye nomyeni wakhe, uMiniyakhe, nontondo wabo.


B
 endisoloko ndibathatha ngenye indlela abaphathiswa. Bendibacingela ukuba baphakamile kwaye abafikeleleki kuba beyinxalenye karhulumente.
Kodwa ndithe ndakungena eofisini kaNksk. Beauty Nosimo Balindlela eBisho kutshanje ndafumanisa ukuba ndibadlela indlala.
UNosimo, ongumphathiswa wezikhundla ezintathu, ulelinye lamabhinqa abambalwa aphethe izikhundla zobuphathiswa kurhulumente welizwe nakwabamaphondo.
UnguMphathiswa weMfundo,
Ezemidfalo neNkcubeko kwiphondo leMpuma-Koloni.
Kube ngathi ndityelele umhlobo wam endamgqibela kudala xa besingena nomfoti eofisini yakhe sisamkelwa ngezandla ezishushu
ngumyeni wakhe	: 
nonyana wakhe
onguntondo.	:.:Asiyompahla

phantsindabe yasikolo okanye sendimfumene ukuba eyakwaNtu
ungumntu onjani.	.:asoloko eyinxibile
Ngokungatha-
ndabuzekiyo	: eyenza ukuba
ungumntu onobubele Nosimo nofikelekayo BalindIeIa abukeke

akangeniswanga nje Lengumntu kwesi sikhundla i:ofikelelekayo
ngenxayokuba ..::
efundile, koko nonobuntu, unjalo usisebenzele nzima. ngokwendalo.
Le nzalelwane  yaseDebe
kwiMpuma-Koloni UNHLANHLA yasingisa eHermanusCACA kwafota

RUTH BALEKA.
emgodini isencinci  ..
kakhulu.
Wayencedisa ekhaya ngemalana awayeyifumana kwigqala lebhola yeqakamba, uClive Rice, awayelisebenzela isithuba seminyaka emine.
Ukuphumelela kwakhe ibanga feshumi uNosimo waya kufunda eFort Hare nalapho wafumana isidanga egxininisa kwizifundo zesiNgesi nezePsychology.
Ngo-1979 wazuza isidanga seMasters kwiYunivesithi yaseNew York waza emva koko wafundisa kwiikholeji nakwiidyunivesithi ezahlukeneyo eMpuma-Koloni.
Abephephandaba leStar bayiqaphela imisebenzi yakhe yokwakha ilizwe baza bamtyumba Njengenenekazi Eliballaseleyo ngo-
1982.
Ngo-1992 waya eBritani eyokwenza izifundo zeAdult Education, waza ukubuya kwakhe waya eFort Hare
nalapho agqibele khona ukuhlohla.
Ngethuba elapho wazibandakanya nombutho wamakhosikazi iANC Womens League waza ekuhambeni kwethuba waba ngumongameli wayo kwingingqi yeBhoda.
Kumzabalazo wakhe wamalungelo amakhosikazi uNosimo waxakeka efunela abangenamkhaya iindawo zokufihla iintloko.
Uthe akuyilwa uRhulumente Womanyano Lwelizwe uNosimo wanyulwa waliLungu lePalamente.
Akazange abafibate abantu baseCumakala nalapho wafudukela khona emva kokuba etshate noMiniyakhe oyititshala kwisikolo samabanga aphakamileyo.
Injongo yam kukuphelisa ucalucalulo ngokwesini, ukunyusa umgangatho wobomi ezilalini nokuphelisa intlupheko eluntwini, utshilo.
YiIe nto kanye ayenzayo uNosimo.
Kwiinyanga nje ezimbalwa elilungu Iepalamente wakhethwa ukuba abe nguMphathiswa weMfundo nalapho enza umsebenzi ongummangaliso khona.
Uqhayisa ngomzimba ongenaxhala ngasele ekuphumezile kwezemfundo.
Sibe nako ukuhlanganisa ndawonye amacandelo amathandathu emfundo ebekho kweli phondo leMpuma-Koloni ayiDET, iTranskei, iHOD, iHOR, iCED kunye neCiskei, utshilo.
UNosimo ulilisela kakhulu ngento yokuba isebe fakhe liyitshintshe kwaphela indlela ebelilawula ngayo ngaphambili.
Sinabaphathi nabalawuli abatsha kweli phondo.
Ngokutsho kwakhe iinguqu zibonakala kakhutu kwizikolo zabamhlophe.
Uthe ngaphambi kokuba alawule uRhulumente woManyano zazimbalwa izikolo zabamhlophe ezazisamkela abamnyama.









UNosimi xa ehleli neenkonde ZeANC uba ngumtshakazi. Apha ukunye (ukusuka ekhohlo) noMnu. Walter Sisulu, uMnu. Govan Mbeki neNkulumbuso yaseMpuma-KoIoni, uRaymond Mhlaba.




NjengoMphathiswa weNkcubeko uNosimo akayishiyi ngasemva imibhaco yakhe.






Linyukile ngoku inani labo kwezi zikolo.
Nakummandla wasekaroo kwiindawo ezifana nePearston, iKirkwood nezinye, apho abamhlophe babengafuni ukwamkela abantu abantsundu ezikolweni zabo izinto azisenjalo.
Bangaphezu kweshumi
elinesithathu ekhulwini abantwana abamkelwayo, utshilo.
Ngokutsho kukaNosimo kukhulu omakulindelwe luluntu lweMpuma-Koloni kuba zimalunga nama-52 izikolo eziza kulungiswa, zingama-320 eziza kwakhiwa kwaye kukho imali
UNosimo ngumxhosa kodwa uyazinxiba izinxibo zesintu zezinye iintlanga. Apha unxibe awaziphiwa ngabanye abeSuthu abah!ala eMpuma-Koloni.


engaphezu kwe-R150 lezigidi zeerandi ebekelwe bucala ukulungiselela inkqubo yeRDP.
Kanti nakwezemidlalo uNosimo uzamile ukuphucula.
lnto yokuba isebe lezemidlalo libe linye nelemfundo ayithethi into yokuba kuqatshelwa abantwana abafundayo kuphela, wonke umntu uyayinikwa indawo yakhe.
Eyona ngxaki siyifumanayo kwezemidlato kukungathabathi
nxaxheba kwababhinqileyo.
Ndibongoza onke amabhinqa ukuba ancede eze ngaphambili bazokuzibandakanya nezemidlalo, utshilo.
Baninzi abantu abaneziphiwo ezilalini ngenxa yoko kuye kwasekwa iikomiti ezijongene nezemidlalo ezilalini apho.
Kubonakala ngathi eMpuma-Koloni ezenkcubeko zisatyeshelwe kodwa kunjalo uNosimo unethemba lokuba ngokonyulwa komlawuli omtsha kwelo candelo izinto ziza kuba ngcono. UNosimo usendleleni eya ekuvuneni
iziqhamo zokuzabalaza kwakhe kodwa kukho izinto afuna uluntu luzazi.
lyandonwabisa kakhulu inkxaso .endiyifumana ebazalini nakuluntu ngokubanzi kwaye ndiyacela ukuba ndinikwe ithuba.
Sifuna nje ithuba lokunenzela okona kuphambili yiyo ke naloo nto sisenza iindibano ezingemisebenzi eziza kunceda abafundi bethu.
Sifuna wonke umntu azuze lukhufu. uqwele ngelitshoyo.



		BONA XHOSA - May 199 25URebecca Malope noLawrence Phakathi (ekunene) aza kutshafa naye banoKid Sithole URebecca ungqinlle ukuba sekumbovu batshate nophakathi.Ungathi nqa ukuba kutheni kukho llmfonomfono nefax ezingaka eziphakathi kwekhitshi negumbi Iokuphum!a ulungiselela mhla waneshishini.

26 BONA XHOSA - May 1996

28 BONA XHOSA - fd1ay 1 996

		BONA XHOSA - May 1 996 29

